<?xml version="1.0" encoding="utf-8"?>
<document>
<s id="1">Kwahlwa, kwasa: yangumhla wesihlanu.</s>
<s id="2">Wathi uThixo isibhakabhaka ngamazulu.</s>
<s id="3">Wabasikelela uThixo, wathi kubo uThixo, Qhamani, nande, niwuzalise umhlaba niweyise; nibe nobukhosi ezintlanzini zolwandle, nasezintakeni zezulu, nasezintweni zonke eziphilileyo ezinambuzelayo emhlabeni.</s>
<s id="4">Kwahlwa, kwasa: yangumhla wesithandathu.</s>
<s id="5">Akubon ukuba uyazicinga ezi zinto, naso isithunywa seNkosi sibonakala kuye ephupheni, sisithi, Yosefu, nyana kaDavide, musa ukoyika ukumthabathela kuwe uMariya, umfazi wakho; kuba oko kukhawulweyo phakathi kwakhe kungoMoya oyiNgcwele.</s>
<s id="6">Wathi uThixo, Makubekho izikhanyiso esibhakabhakeni samazulu, zibe ngumahlulo wokwahlula imini kubusuku; zibe zezemiqondiso, zibe zezamaxesha amisiweyo, zibe zezemihla neminyaka; mazibe zizikhanyiso esibhakabhakeni samazulu, zikhanyise ehlabathini.</s>
<s id="7">Uya kuzala unyana ke, umbize ngegama elinguYesu; kuba yena eya kubasindisa abantu bakhe ezonweni zabo.</s>
<s id="8">Ke kaloku ukuzalwa kukaYesu Kristu kwaye kungolu hlobo: Kwathi, akubon ukuba unina uMariya useleganelwe uYosefu, bengekahlangani, wafunyanwa emithi ngoMoya oyiNgcwele.</s>
<s id="9">Kwahlwa, kwasa: yangumhla wesibini.</s>
<s id="10">Wazisikelela uThixo, esithi, Qhamani, nande, niwazalise amanzi aselwandle; zithi iintaka zande ehlabathini.</s>
<s id="11">Wathi uThixo, Umhlaba mawuphume imiphefumlo ephilileyo ngohlobo lwayo: izinto ezizitho zine, nezinambuzane, nezinto eziphilileyo zomhlaba ngohlobo lwazo.</s>
<s id="12">Ke ehlabathini kwakusenyanyeni, kuselubala; kwakumnyama phezu kwamanzi enzonzobila.</s>
<s id="13">Wathi uThixo okomileyo ngumhlaba, wathi intlanganisela yamanzi ziilwandle.</s>
<s id="14">Incwadi yomlibo wokuzalwa kukaYesu Kristu, unyana kaDavide, unyana ka-Abraham.</s>
<s id="15">Wasenza uThixo isibhakabhaka, wawahlula amanzi angaphantsi kwesibhakabhaka kuwo amanzi angaphezu kwesibhakabhaka.</s>
<s id="16">Zonke izizukulwana ngoko, ezithabathela kuAbraham zizise kuDavide, zizizukulwana ezilishumi elinazine; nezithabathela kuDavide zizise ekufuduselweni kwabo eBhabhilon, zizizukulwana ezilishumi elinazine; nezithabathela ekufuduselweni kwabo eBhabhilon zizise kuKristu, zizizukulwana ezilishumi elinazine.</s>
<s id="17">Kwaba njalo.</s>
<s id="18">Wathi uThixo, Umhlaba mawuphume uhlaza, imifuno evelisa imbewu, imithi yeziqhamo, eyenza iziqhamo ngohlobo lwayo, embewu ikuyo, emhlabeni.</s>
<s id="19">Wathi uThixo, Amanzi angaphantsi kwamazulu makahlanganiselwe ndaweni-nye, kubonakale okomileyo.</s>
<s id="20">Kwabakho ke ukukhanya.</s>
<s id="21">Wamdala ke uThixo umntu ngokomfanekiselo wakhe; wamdala ngokomfanekiselo kaThixo; wadala indoda nenkazana.</s>
<s id="22">Wathi uThixo, Yabonani, ndininikile yonke imifuno evelisa imbewu, esemhlabeni wonke, nayo yonke imithi eneziqhamo zemithi evelisa imbewu: yoba kukudla kuni.</s>
<s id="23">Mababe nobukhosi ezintlanzini zolwandle, nasezintakeni zezulu, nasezintweni ezizitho zine, nasemhlabeni wonke, nasezinambuzaneni zonke ezinambuzela emhlabeni.</s>
<s id="24">Wathi uThixo, Amanzi la makanyakazele inyakanyaka, imiphefumlo ephilileyo; zithi neentaka ziphaphazele ehlabathini, esibhakabhakeni sezulu.</s>
<s id="25">Kwahlwa kwasa: yangumhla wesithathu.</s>
<s id="26">Kwahlwa, kwasa: yangumhla wesine.</s>
<s id="27">Wathi uThixo, Makubekho isibhakabhaka phakathi kwawo amanzi, sibe ngumahlulo wokwahlula amanzi kumanzi.</s>
<s id="28">Wathi uThixo ukukhanya yimini, wathi ubumnyama bubusuku.</s>
<s id="29">Wenza uThixo izikhanyiso ezikhulu zazibini, esona sikhulu isikhanyiso ukuba silawule imini, esona sincinane isikhanyiso ukuba silawule ubusuku; wenza neenkwenkwezi.</s>
<s id="30">Nezinto zonke eziphilileyo zomhlaba, neentaka zonke zezulu, nezinambuzane zonke ezisemhlabeni, ezinomphefumlo ophilileyo, ndizinike yonke imifuno eluhlaza ukuba ibe kukudla.</s>
<s id="31">Wathi uThixo, Makubekho ukukhanya.</s>
<s id="32">Wathi uThixo, Masenze umntu ngokomfanekiselo wethu ngokufana nathi.</s>
<s id="33">Kwahlwa, kwasa: yangumhla wokuqala.</s>
<s id="34">Wabona uThixo ukuba kulungile.</s>
<s id="35">Ke kaloku oku konke kwenzeke, ukuze kuzaliseke okwathethwayo yiNkosi ngomprofeti, isithi, Yabonani, intombi le iya kumitha izale unyana, Bambize ngegama elinguImanuweli, oko kukuthi ngentetho evakalayo, uThixo unathi.</s>
<s id="36">Wathi ke uYosefu, evukile ebuthongweni, wenza ngoko besimmisele ngako isithunywa seNkosi, wamthabathela kuye umfazi wakhe; waza ke akamazi, wada wazala unyana wakhe wamazibulo; wambiza ke ngegama elinguYesu.</s>
<s id="37">UMoya kaThixo wafukama phezu kwamanzi lawo.</s>
<s id="38">Wakubona ke uThixo ukukhanya ukuba kulungile, wahlula uThixo phakathi kokukhanya nobumnyama.</s>
<s id="39">Wadala uThixo oominenga mikhulu, nayo yonke imiphefumlo ephilileyo enambuzelayo, awanyakazela ngayo amanzi ngohlobo lwayo, neentaka zonke ezinamaphiko ngohlobo lwazo.</s>
<s id="40">Wathi ke uYosefu indoda yakhe, engolilungisa, engathandi ukumhlaza ekuhleni, wanga angamala ngasese.</s>
<s id="41">Umhlaba waphuma uhlaza, nemifuno evelisa imbewu ngohlobo lwayo, nemithi eyenza iziqhamo, embewu ikuyo, ngohlobo lwayo.</s>
<s id="42">Wenza uThixo izinto eziphilileyo zomhlaba ngohlobo lwazo, nezinto ezizitho zine ngohlobo lwazo, nazo zonke izinambuzane zomhlaba ngohlobo lwazo.</s>
<s id="43">Wakubona uThixo konke akwenzileyo, nanko, kulungile kunene.</s>
<s id="44">Wazibeka uThixo esibhakabhakeni samazulu, ukuba zikhanyise ehlabathini, zilawule imini nobusuku, zahlule ukukhanya kubumnyama.</s>
<s id="44">___LASTID___</s>
</document>